Рет қаралды 5,542
Wabon’ uluntu lonke
Luwe esonweni;
Imiphefumlo yonke
Ihlel’ elishweni;
Wasikwa yimfesane,
Engumangaliso;
Wathabathela kuYe,
Lonk’ ihlazo labo.
Kwaba ngummangaliso
Ukuzalwa kwaKhe;
Waphila, wafundisa,
Ngokuncamisayo.
Wabangummangaliso
Umnqamlezo waKhe;
Wafa, wooyis’ ukufa,
Saba sisimanga.
Hayi! obobunzulu
Bolu thando lwaKhe;
Naloomsebenzi waKhe
Ongenakuqondwa.
Abakholwayo namhla
Abanakugwetywa
Ma udunyiswe nKosi,
Kus’ ephakadeni.
Amen.
Methodist Xhosa Hymn 81