Рет қаралды 7,437
Unabantu bakho, Thixo,
Ngamaxesha onke;
Ubagcina, ubanceda
Eendaweni zonke.
Bakuwela imilambo,
Uba nabo wena;
Bakutshiswa ngemililo,
Uba nabo wena.
Apho batshutshiswa khona
Bomelezwa nguwe;
Nasezingozini zonke,
Bayagcinwa nguwe.
Bakhangela kuwe, Nkosi,
Abo bantu bakho;
Babulela, bethembile,
Abo bantu bakho. Amen.